INANI
From Wikipedia, the free encyclopedia
Inani ligama elisisigama esisuka kwa-mathematika, elisetyenziswa xa kubalwa okanye kusenziwa umlinganiselo.
- Ngokwencwadi yebhayibhile, jonga kwincwadi ye-Numbers (eBhayibhileni).
Igama elithi nani lingachazwa ngeendlela ngeendlela, elisetyenziswe ngalo nakwiliphi na isebe lakwamathe lakwamathe.
- Abantu basebenzisa uphawu oluthile olumele amanani; bathi xa belubiza ludweliso lwamanani (zii-numerals) zii-numerals. Apho zixhaphake khona ezi numerals kukwimibhalo echaza izinto ukuba ziyintonina, njengakwiminxeba,ukuze kubekwe izinto ngokulandelelana kwazo, njengakumanani alandelelananyo, okanye ukuze kubekwe isiphawuli esinomahluko, njengakwi-ISBN, inani elinomahluko nenokubonwa ngalo incwadi.
- Amanani engqokolela yezinto asetyenziswa kumlinganiselo wokubona okokuba izinto ezo zibonakala kangaphi na kuloo ngqokolela yezi zinto]]. U-{A,B,C} unomlinganiselo wesi-"3".
- Amanani e-Ordinal asetyenziswa xa kubhekiswa luloo nto ithile kwingqokolela okanye ngokulandelelana kwazo (Eyokuqala, eyesibini, eyesithathu).
- Abantu basebenzisa ii-symbols ukuze ibe zizo ezima kwindawo yamanani; batsho bazibize ezi-symbols ngokuba ngokuba zii- numerals. Iindawo ezithanda ukusetyenziswa kuzo ezi numerals kuxa ku-label-ishwa, njengoba sibona kumanani efowini, naxa si-oda, njengakumanani alandelelanayo kwii-oda zethu, okanye sibeke inani eliyakuthi yahluke ngalo i-oda leyo phakathi kwezinye ii-oda, njengakwi-ISBN, inani elisetyenziswa ukwahlula loo ncwadi kwezinye iincwadi, sitsho ke thina siyazi ngelo nani loo ncwadi xa siyifuna.
- Amanani a-Cardinal asetyenziswa xa kujongwa okokuba ingaba zingaphina izinto ezikwingqokolela ethile. Umzekelo nanku ingqokolela yaba nobumba {A,B,C} ilingana nenani elingu-"3".
- Amanani a-ordinal asetyenziswa xa kugqalwa okanye kuboniswa ngokukodwa loo nto kthethwa ngayo ukuze yahluke kwezinye izinto eziqokolelwe ndawonye, into nganye ke kwezi iyakuthiwa ngokulandelelana kwazo kuthiwe yeyo-(kuqala, yeyesibini, yeyesithathu). Umzekelo, xa kubuzwa okokuba yeyiphi na le ntombi kwezi ntombi zikaKwayi ziluthoba, ebonelwe unyana kamfundisi uYekani? Impendulo isenokuthi yintombi yesithathu.
amanani asetyenziswa nakwezinye izinto ezingengomanani. amanani asetyenziswa xa kusenziwa umlinganiselo wezinto. Amanani asetyenziswa xa kufundwa okokuba lisebenza kanjani na ihlabathi. Izibalo yindlela yokusetyenziswa kwamanani ukuze kufundwe ngehlabathi kwenziwe nezinto. Isifundo ngemithetho yehlabathi kuthiwa zizifundo zenzululwazi. umsebenzi owenziwa ngokuthi kusetyenziswe amanani ukuze kwenziwe izinto kuthiwa zizifundo zobunjineli.
Amanani akwasetyenziswa nakwezinye izinto ngaphandle kokubala. kusetyenziswa amanani xa kusenziwa umlinganiselo wezinto okanye xa kumentwa izinto. Amanani asetyenziswa xa kuphandwa ngendlela elisebenza ngayo ihlabathi. I-Mathematics yindlela ekusetyenziswa ngayo amanani xa kufundwa ngehlabathi naxa kusenziwa izinto. Isifundo okanye uphando ngemithetho nemigaqo yehlabathi lemveli lubizwa ngokuba yi-science. Umsebenzi osebenzisa amanani xa kusenziwa into ubizwa ngokuba yi- engineering.
Ukunikwa kwamanani iimpawu ezithile kwenziwa ngeendlela-ngeendlela. Ezi ndlela ke zibizwa ngokuba zii-number systems. Eyona-number system ethanda ukusetyenziswa ngabantu yi-base ten number system. I-base ten number system ikwaziwa ngokuba yi-decimal number system. I-base ten number system ixhaphakile kuba abantu baneminwe elishumi neenzwane ezilishumi. Zili-10 iimpawu zamanani {0, 1, 2, 3, 4, 5, 6, 7, 8, kunye no-9} ezisetyenziswa kwi-base ten number system. Ezimpawu zilishumi zibizwa ngokuba zii-digits.[1]