![cover image](https://wikiwandv2-19431.kxcdn.com/_next/image?url=https://upload.wikimedia.org/wikipedia/commons/thumb/d/db/Photosynthesis.gif/640px-Photosynthesis.gif&w=640&q=50)
I-photosynthesis
From Wikipedia, the free encyclopedia
I-Photosynthesis yinkqubo esetyenziswa zizityalo nazezinye izidalwa eziphilayo ukuguqula amandla okukhanya, okuhlala kuvela elangeni, abe ngamandla e-chemical ayakuthi akhutshwe kamva ukuze aye kutha amandla kwimisebenzi eyenziwa zezi zidalwa ziphilayo. Laa mandla echemical agcinwa kwii-molecules ze-carbohydrate, ezifana neswekile, edidiyelwa ngecarbon dioxide nangamanzi – yiyo le nto kusetyenziswa igama elithi 'photosynthesis', elivela kwisiGrike φῶς, phōs, "ukukhanya", kunye σύνθεσις, nokudidiyela, "ukuxuba".[1][2][3] Kumaxesha amaninzi, i-oxygen ichithelwa ngaphandle komzimba wento ephilayo njengokungcola. inkoliso yezityalo, inkoliso yee-algae, nee-cyanobacteria zenza i-photosynthesis; ezo zidalwa ke kuthiwa zii-photoautotrophs. I-Photosynthesis igcina i-atmospheric oxygen ikumgangatho ofanelekileyo ize inakekele zonke ii-organic compounds noninzi lwamandla afunekayo kubomi bezinto ezisemhlabeni. [4]
![Thumb image](http://upload.wikimedia.org/wikipedia/commons/thumb/d/db/Photosynthesis.gif/640px-Photosynthesis.gif)
![Thumb image](http://upload.wikimedia.org/wikipedia/commons/thumb/f/fd/Photosynthesis_equation.svg/220px-Photosynthesis_equation.svg.png)
![Thumb image](http://upload.wikimedia.org/wikipedia/commons/thumb/4/44/Seawifs_global_biosphere.jpg/640px-Seawifs_global_biosphere.jpg)