![cover image](https://wikiwandv2-19431.kxcdn.com/_next/image?url=https://upload.wikimedia.org/wikipedia/commons/thumb/4/43/Schistosomiasis_in_a_child_2.jpg/640px-Schistosomiasis_in_a_child_2.jpg&w=640&q=50)
I-Schistosomiasis
From Wikipedia, the free encyclopedia
I-Schistosomiasis, ekwaziwa njenge-snail fever, isisifo se-helminthiasis esibangelwa yi-parasitic flatworm ekuthiwa yi-schistosomes. Indlela yomchamo okanye amathumbu anokosuleleka. Imiqondiso neempawu zingaquka ubuhlungu besisu, urhudo, ilindle elinegazi, okanye igazi elisemchameni. Abo bosulelekileyo ixesha elide bangafumana umonakalo wesibindi, ukungasebenzi kwezintso, ukungaqhameli inzala, okanye umhlaza wesinyi. Ebantwaneni, inokubangela ukungakhuli kakuhle kunye ukufunda nzima.[1]
I-Schistosomiasis | |
---|---|
![]() | |
Uhlelo nezibonelelo zangaphandle | |
ICD/CIM-10 | B65 B65 |
ICD/CIM-9 | 120 120 |
DiseasesDB | 11875 |
MedlinePlus | 001321 |
Isifo sisasazeka ngokudibana namanzi ahlaziyekileyo angcoliswe zizifunxi-gazi. Ezi zifunxi-gazi zikhutshwa ziinkumba zamanzi ahlaziyekileyo asulelekileyo. Isifo esiqheleke ngokukodwa ebantwaneni abakumazwe asakhasayo njengoko kuqhelekile ukuba badlale kumanzi angcolileyo. Amanye amaqela asemngciphekweni omkhulu aquka amafama, abalobi beentlanzi, kunye nabantu abasebenzisa amanzi angacocekanga imihla ngemihla.[1] Iyeyeqela le- izifo ezosulelayo ze-helminth.[2] Uxilongo lungokufumana amaqanda esifunxi-gazi kumchamo okanye kwilindle lomntu. Isenako nokuqinisekiswa ngokufumana izilwa-buhlungu ezisegazini ngokuchaseneyo nesifo esisegazini.[1]
Iindlela zokuthintela isifo ziquka ufikelelo kumanzi acocekileyo kunye nokunciphisa inani leenkumba. Kwimimandla apho sixhaphakileyo esi sifo, ichiza eliyi-praziquantel linganikezwa kube kanye ngonyaka kwiqela lonke. Oku kwenzelwa ukunciphisa inani labantu abosulelweyo kunye, nokulandelayo, nokusasazeka kwesifo. I-Praziquantel isekwalunyango olunconywayo yi-World Health Organization (WHO) kwabo baziwa bengabosulelekileyo.[1]
I-Schistosomiasis ichaphazele abantu abaphantse babe zizigidi ezingama-210 ehlabathini jikelele ukusukela ngo-2012.[3] Kuqikeleleka ukuba ngabantu abali-12,000[4] ukuya kuma-200,000 ababulawa yiyo kunyaka ngamnye.[5] isifo sifunyanwa ngokuqheleke kakhulu eAfrika, kwanaseAsiya nakuMzantsi Melika.[1] Ngabantu abazizigidi ezingama-700 million, kumazwe angaphezulu kwangama-70, abahlala kwimimandla apho esi sifo sixhaphake khona.[5][6] Kumazwe etropiki, i-schistosomiasis iyeyesibini kwimalariya phakathi kwezifo zezifunxi-gazi ezinefuthe elikhulu kwezoqoqosho.[7] I-Schistosomiasis idweliswe njengesifo setropiki esingahoywanga.[8]