Isiqithi sekapa "Robben Island" (isiBhulu: Robbeneiland) sekapa sifumaneka kwi khilomitha ezi sixhenxe ukusuka kwintsona kungxweme lwase Bloubergstrand, kulwendle IAtlantic Ocean ,kwiphondo lweNtsona koloni eMzantsi Afrika. Esi sisiqithi esiyimbalasane kakhulu kwilizwe loMzantsi Afrika nezwekazi iAfrika iphela.Sisiqithi esiyimitsi embalwa umphakamo phezu kolwandle iAtlantic ocean.

Thumb

Ngonyaka wama 1999 esisixeko saziswa ngoku sesikweni njenge ziko lezobugcisa nekcubeko kwiphondo lentshona koloni asiqulathe imbali yelizwe loMzantsi Afrika kwaye sibuyisa inkumbulo ngekqubo yocalucalulo nempumelelo yorhulumente wentando yesininzi. Ikumphakamo weemitha ezingamashumi mathathu phezu kolwa ndle. Esi sixeko sasi setyenziswa njenge ntilongo nendawo yokugcina abantu ababhukuqa umbuso ixesha elide, kunye nesibhedlele sengqondo. Esi siqithi sibe liziko lezinto ezininzi ukususela ngowama 1600 ukufika komkhosi wamaBhulu ngethuba lika Jan van Riebeck owayekhokela umkhosi wamakholoniyali ikwangumntu wokuqala ukuzinza kwesi siqithi. I-Robben Island le luphawuoludumileyo ehlabathini

Kulapho amaqhawe esizwe ekuquka utata uNelson Mandela, Oliver Tambo, Robert Sobukwe nabanye ngethuba loRhulumente wengcinezelo. Kalapho amatshantliziyo awayesilwisana noRhulumente ayebanjwa aze agcinwe khona iminyaka. Ukususela kumawaka alishumi elinesixhenxe eminyaka irobben island isetyenziswa njenge ndawo yokugcina amabanjwa ayamene nezopolitiko.Urhulumente wamaAmaBhulu wayevalela khona amabanjwa ezombuso nezigila mkhuba.

Amanye amaqhawe esizwe awayebanjwe esiqithini

Thumb
UTom Moses, owayesakuba libanjwa eRobben Island, ngoku (2014) ongumkhenkethisi waseRobben Island.
  • Nelson Mandela (owayesakuba ngumongameli weloMzantsi Afrika)
  • Kgalema Motlanthe (oweyesakuba ngumongameli weloMzantsi Afrika)
  • Jacob Zuma (oweyesakuba gumongameli weloMzantsi Afrika)
  • Laloo Chiba (Iqhawe lesizwe)
  • Mac Maharaj (Iqhawe lesizwe)
  • Jafta Masemola (Iqhawe lesizwe)
  • Govan Mbeki (Iqhawe lesizwe)
  • Raymond Mhlaba (Iqhawe lesizwe)
  • Andrew Mlangeni (Iqhawe lesizwe)
  • Wilton Mkwayi (Iqhawe lesizwe)
  • Elias Motsoaledi (Iqhawe lesizwe)
  • Oscar Mpetha (Iqhawe lesizwe)
  • Billy Nair (Iqhawe lesizwe)
  • Ahmed Kathrada (Iqhawe lesizwe)
  • Walter Sisulu (Iqhawe lesizwe)
  • Robert Sobukwe (Iqhawe lesizwe)
  • Njongonkulu Ndungane (UBhishophu)
  • Tokyo Sexwale (owayesakuba ngumphathiswa wezindlu)
  • Mosiuoa "Terror" Lekota (umongameli weCope)
  • Amos Masondo (kwezopolitiko)

Robert Sobukwe

URobert Mangaliso Sobukwe wayengumqambi nenkokheli yombutho iPAC elasekwa ngo wama1959. Ngomhla wama21 kweyekwindla ngowama1960 wayengumququzeleli wekqubo eyayisilwa nokusetyenziswa kwamaPasi. Kulapho wathi wabanjwa wayokuvalelwa eRobben Island iminyaka emithathu emva komthetho owathi wasekwa ngethuba eselivalelweni sandiswa isigwebo yayiminyaka emithandathu. Wayevalelwa kwisisele esisekhusini engavumelekanga ukuba athethe nabantu [1]

Imithombo

Wikiwand in your browser!

Seamless Wikipedia browsing. On steroids.

Every time you click a link to Wikipedia, Wiktionary or Wikiquote in your browser's search results, it will show the modern Wikiwand interface.

Wikiwand extension is a five stars, simple, with minimum permission required to keep your browsing private, safe and transparent.